Ukubaluleka kokuzibandakanya nemfundo yabantwana

Kwintsuku ezingephi ezidlulileyo, ndibe nenyweba ekubeni ndibambe incoko nabafundi bebakala leshumi elinesibini (Grade 12s) eSimanyene High School.
Kwincoko yam nabafundi ibingokubaluleka kokuhlala ufunda nasekuzifundiseni ungumntu, kufunda oko kungapheleli ekulungiseleleni iimviwo neminye imisebenzi yesikolo, koko sibaze indlebe kuko konke okusingqongileyo.
Lomba wemfundo uthathe ixesha apho bendizinike ithuba ekubeni ndiwuphicothe banzi ekubeni ikamva labafundi esinabo kwindawo zokufundela libonaka linjani, nasekubeni zintoni ezibalulekileyo ekufaneleke zimiselwe ukuqinisekisa ukuba sisebenzisana nabo, sizama ukuqinisekisa ukuba elilizwe liyakuba lilizwe elingcono kwisizukulwana esisakhulayo.
Ibisakuba yiminyaka ephantse yagqitha kwishumi ukugqibela kwam kwesi sikolo, kuba amabakala wam okugqibela wemfundo aphakathi ndawenzela kuso.
Ndikonwabela ukuba nethuba lokuba kunye naba bantwana besikolo, ngabantwana apha ababonakalisa umdla nethemba kwikamva labo, bazibonakalisa njengabantwana apha abayinxanelweyo imfundo.
Kuyinkuthazo ke oko kubantu ababukeleyo nabayikhatheleleyo inkqubela yezemfundo yalengingqi yethu.
Ekulungiseleni ukuchophela lomcimbi kumasango esisikolo, bendiphethwe zinkumbulo ngemihla yethu sisekwibakala elinye neli nabo baqubisana nalo ngoku.
Isininzi sabafundisi-ntsapho abakhoyo ibisekwangabo babekhona ngexesha elo ndandisengumfundi kwesisikolo.
Kwasona isakhiwo asitshintshanga kuyaphi, kudlule kuphela iminyaka. Ndikuchulumancele ukuba yinxalenye yabo, nakuba ibilithuntyana elingephi.
Eyona ntsidabadala isekubeni ekuchitheni ixesha nabo kubonakale kubalulekile ukuba sizikhuthaze ekubeni thina ababesaya kufunda kwezindawo zemfundo ephakathi, sizinike ithuba sibeyinxalenye ekubeni sincedisane nezindawo zemfundo ukuze bancedisane nabantwana bethu ukuqinisekisa ukuba ikamva labo leliqaqambileyo.
Ndikhule kusithiwa, “kuthatha ilali ukukhulisa umntwana”, ithethe lonto, nangona umntwana engowasebumelwaneni, kodwa nathi apha ekhaya sinoxanduva lokuqinisekisa ekufakeni isandla kwinkqubela yomntwana lowo wasebumelwaneni.
Xa ndikhumbula kakuhle, abantwana basemzini babekade belibaleka ukuba asingabo abantwana basekhaya apha, kuba izinto ezininzi esasizenza singabantwana sasizenza sikunye.
Ndiyakrokra ekubeni ukuhlala kwethu edolophini kuqinisekisile ukuba londlela yokuziphatha sayishiya ngaphayana kwetonela. Kodwa, kuko konke oko, nakulondlela esiziqhelise yona, kuyafuneka singalibali ukuba ngamaxesha kaxakeka masikhumbule ukuba “kusadliwa ngendebe endala”.
Ikhwelo kuthi bahlali lisekubeni sizingise ukucinga, sizibuze ukuba isizwe sethu nendawo esiphila kuyo ibaluleke kangakanani ekuqinisekiseni ukuba izinto ziyaphucuka, nasekubeni zibe ngcono.
Ukuba akunjalo, kuyakwenzeka ngoku sisithi siyakha, kusuke kwaoko besizixelele ngako, kuphoxe kwathina kuba singakwazanga ukuthatha uxanduva nomsebenzi ngemicimbi esicaphazelayo.
Kubo abo banolawulo lwezikolo kubalulekile bazimisele ekubeni basebenzisane nendawo abaxelengela kuzo, ukutyholana nokuphixana kuyanyanzeleka ibe zizinto zezolo, kodwa sizimisele ukuze sisebenzisane ngendlela apha enothanda ukuba nefuthe ekulilo kwimiba yenguqu kwiphulo lophucula ukufunda kwabantwana bethu.
Inyanzelise nabazali bazimisele ekukhuthaleleni izinto ezinokwenza nabantwana babo, ngoba kwavula zibhuqe, yenza oyithandayo awuzubuzwa, kuyalichitha ikhaya, kuchithe nesizwe.
Ukungakhathali kwabazali ngabantwana babo, kuphazamisana nokuzazi nokukhula komntwana, apho aye angaqiniseki ngobuyena, nangezinto ezibalulekileyo kuye, ufike ehamba nabahambayo, engenayo ingqondo ebuzayo ukuba ukwenza oku kuneziphumo eziyintoni.
Masikhumbuleni ukuba ezizinto bazaziyo, abasukanga bazazi, aziwanga mthini, koko bayazifunda bezifunda kwalapha kuthi. Ithi ke lonto lulawule unyawo lwakho. Umntwana makabe ngumntwana, ayifumane inxaso ngokukodwa ekhaya, ekuhlaleni, nangakumbi esikolweni kuba kulapho alichithela khona ixesha lakhe elininzi.
By Abongile Sotiya,

Views: 887

Comment

You need to be a member of Youthzones to add comments!

Join Youthzones

© 2024   Created by Admin FSSA.   Powered by

Badges  |  Report an Issue  |  Terms of Service